GoGreen Xhosa

Imini yomhla we 5 kajuni ngonyaka ka 2008, yimini kazwelonke kokusingqongileyo, apho uMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay Municipality wasungula lenkqubo yokujongana nokuphila kwimo yokuluhlaza kwindalo yethu. Lenkquleqhu nemizamo kamasipala ijongene nokukhuthaza uluntu ukuba luthathe uxanduva lokulondoloza  nokunonophela indalo nokusingqongileyo. Lenkqubo ikhankanya iindlela ezininzi uluntu olunokukhetha kuzo ukuzama ukutshintsha uhlobo esisebenzisa ngalo indalo yethu. Olo tshintsho luncinci onokuthi ulwenze lungenza umahluko omkhulu.

Ingcaciso gabalala yolukhankaso:

a)  UPHUHLISO NGENKATHALO

Ukukhathalela intlalo yethu, ukukhathalela ezoqoqosho, nokukhathalela okusingqongileyo

Ukuze siphile ubomi  obude.

b)  UTSHINTSHO KWIMO YEXULU

Imo yezulu yanamhlanje seyatshintsha kakhulu,ayisafani neminyaka eyadlulayo ngenxa yohlobo esenza ngalo izinto kwindalo yethu.

c)  INGQANTSI YOBUSHUSHU EHLABATHINI

Obubangelwa lungcoliseko olumandla lemisi esemoyeni,kwisibaka-baka nomhlaba.

d)  OKUSINGQONGILEYO

Okusingqongileyo kuquka izityalo,izilwanyana,izinambuzane,amanzi,umoya nezakhiwo.

Lilungelo nexanduva lomntu wonke ukukhusela nokulondoloza okusingqongileyo.

KUTHENI LENTO KUFUNEKA SITHATHE OLUXANDUVA?

Kungenxa yobunzima esibufumanayo ukufumana inkonzo zoluntu: amanzi, umbane kwakunye nemisebenzi.

Ukutya kuyangqongophala, kubekho indlala nembalela nezifo ezibulalayo nokunyuka kwamaxabiso ezinto.

 

Using a Touch Screen?
Click below for instructions to fix Touch/Swipe issues experienced in Microsoft Edge.

Show me the fix! No thanks
This might take a while depending on your connectivity.
Please be patient while we search the entire site & all its modules for you...